Hebrews 7:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba bona benziwe abaperisite ngapandle kwesifungo; kodwa yena wenziwe ngesifungo, ngaye lowo ubesiti kuye: Uyehova ufungile, akayi kuguquka: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki:)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya: Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
(Kuba abo babingeleli bebengenakufungiswa, kodwa yena ufungelwe ngesifungo salowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya, yathi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke;)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke kulo mbingeleli unguYesu kwenziwa isifungo, njengoko zisithi iziBhalo: “Ifungile iNkosi, futhi ayiyi kujika: ‘Ungumbingeleli ngonaphakade.’ ”