Hebrews 7:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
engenayise, engenanina, engenakuba̔lelwa ngokuzalwa, engenasiqalo semihla, engenasipelo sokudliwa kwobomi; kodwa efanekisiwe nonyana katixo; uyahlala engumperisite ngonapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Engenayise nanina, namlibo wakuzalwa; kodwa enziwe wafana noNyana kaThixo; uhlala engumbingeleli ngamaxesha onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.