Hebrews 7:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabo okunene bakubo onyana baka‐Levi, ababamkelayo ubuperisite, banomyalezo wokuba batabate izishumi kubo abantu ngokwomteto, oku kukuti, kubo abzalwana babo, nangona bapumayo esinqeni sika‐Abrahame;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaLevi okunene, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho, oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.