Hebrews 8:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli emveni kwalomihla, utsho uyehova: Ndiya kubeka imiteto yam engqondweni yabo, napezu kwentliziyo yabo ndoyiba̔la; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguwo lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova; ndiya kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndiyibhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi: ‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.