Hebrews 8:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bengasayi kufundisa omnye ummelwane wake, nomnye umzalwana wake, esiti: Yazi uyehova; ngokuba bonke beya kundazi, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, Elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; Ngokuba baya kundazi bonke, Bethabathela komncinane wabo, base komkhulu wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; ngokuba baya kundazi bonke, bethabathela komncinane base komkhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: “Yazini iNkosi;” kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu.