Hebrews 8:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba osukuba engumperisite omkulu emiselwa ukuba anikele iminikelo namadini: kukona kufanelekile ukuba naye lo abe nento angayinikelayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke umbingeleli omkhulu umiselwe ukunikela izipho namadini. Nalo wethu umbingeleli umelwe kukuba nento ayinikelayo.