Hebrews 8:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abati bona basikonze isifanekiso nesitunzi sezinto zasezulwini, kwa njengokuba u‐Mosesi ebeyalwa ngutixo, akuba ebeza kuyenza itabanakele; ngokuba esiti: Lumka ukuba uzenze zonke izinto ngomfanekiselo ububoniswa wona entabeni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bona bathi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bona bakhonza umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu bona into abayenzayo ingumfuziselo nesithunzi nje sento yokwenene esezulwini. Wayexela loo nto uThixo ngamazwi awawabhekisa kuMosis, xa wayeza kwenza intente: “Qaphela ukuba yonke into uyenze ngokomzekelo owawuwuboniswe entabeni.”