Hebrews 9:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ngenxa yoku ungumlamli wocebano olutsha, ukuba ke, ukufa kwenzelwe nje ukululwa lwezigqito ezibe zipantsi kwocebano lwokuqala, abo babiziweyo bamkele ukudliwa kwedinga lelifa elingunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon, ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’, ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.