Hebrews 9:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba xeshekweni bekutetiwe yonke imiyalelo ngokwomteto ngu‐Mosesi kubo bonke abantu, wati etabatile igazi lamatole nebokwe, ndawonye namanzi, noboya begusha obubomvu, nehisope, wafefa kwa yona incwadi nabo bonke abantu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kuthe, kwakubon ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kuthe, akuwuthetha uMoses umthetho wonke ngokomthetho ebantwini bonke, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wayifefa incwadi, kwanabantu bonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu,