Hebrews 9:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bekufanelekile ngoko ukuba izifanekiso zezinto ezisezulwini zihlanjululwe ngezizinto, kodwa zona ezasezulwini ngamadini alungileyo ngakumbi pezu kwawo la.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjululwe ngamadini alungileyo kunalawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo; zona zona ezo zinto zasemazulwini, zinamadini alungileyo kunalawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ezi zinto zahlanjululwa ngolu hlobo. Kaloku zona ziyimifanekiso yezinto zokwenene ezisezulwini. Kodwa ke zona ezo zisezulwini zihlanjululwa ngamadini angcono.