Hebrews 9:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Kristu engangenanga kweyingcwele indawo eyenziweyo ngezandla, e sisifanekiselo seyinyaniso, koko engene kwa kulo izulu, ukuti kaloku abonakale ebusweni bukatixo ngenxa yetu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uKrestu le ndawo ingcwele angene kuyo ayenziwanga ngumntu, futhi ayingomfanekiso; koko ungene ezulwini phakathi. Ngoku umi khona phambi koThixo; uyasithethelela.