Hebrews 9:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba oko ngeeba evile intlungu futi kutabata ekumisweni kwelizwe: kodwa kaloku ute kanye ekugqityelweni kwamaxesha wabonakaliselwa ukubujiswa kwesono ngokuzenza idini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
okanye ange emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ange ebemelwe kukuba ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu.