Hebrews 9:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa kweyesibini uya kanye emnyakeni mnye umperisite omkulu yedwa, engangeni engenalo igazi, alinikelayo ngenxa yake, na ngenxa yeziposo zabantu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, engangeni engenagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yokungazi kwabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, kungengagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yeziphoso zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kwelesibini igumbi kwakungena umbingeleli omkhulu kuphela, kanye ngonyaka. Naye kwakufuneka ephethe igazi aza kungxengxezela ngalo izono zakhe kwakunye nezo abantu bazenze bengaqondi ukuba bayona.