Hosea 1:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko, usapo luka‐Sirayeli lwoba njengentlabati yolwandle, engenako ukulinganiswa nokubalwa; kwakuya kuti, endaweni ebekutiwa kulo: Aningabo abantu bam, kwotiwa kulo: Nilusapo lwotixo ohleliyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yolwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; nalapho kwathiwa kubo, Aningabantu bam nina, kuya kuthiwa kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke amaSirayeli oba yinyambalala efana nentlabathi elunxwemeni lolwandle engenakulinganiswa nakubalwa ngenxa yobuninzi. Kuloo ndawo ebekufudula kusithiwa kuwo: ‘Aningobantu bam,’ kothiwa: ‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’