Hosea 1:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Luya kwandula usapo luka‐Juda nosapo luka‐Sirayeli luhlanganiselwe ndawonye, luzimisele intloko inye, lunyuke elizweni: ngokuba uya kuba mkulu umhla wo‐Yezerele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ngokuqinisekileyo baya kuhlanganisana oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli baze banyule inkokeli enye, baze balishiye ilizwe, ngenxa yokuba iya kuba nkulu imini kaYizereli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bendlu kaJuda nâbo bendlu kaSirayeli baya kumanywa. Baya kuzimisela inkokheli ibe nye, babe ngabemi belizwe lakowabo. Ewe kaloku, yoba nkulu imini yeYizereli!