Hosea 1:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuqala kwelizwi likayehova ngaye u‐Hosheha. Wayesiti uyehova ku‐Hosheha: Yiya, uzizekele umfazi wemibulo, nabantwana bemibulo, ngokuba ilizwe liwenzile umbulo omkulu, lahlukene noyehova nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu;ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuqala kwelizwi likaYehova ngoHoseya. Wathi uYehova kuHoseya, Hamba uye kuthabatha ihenyukazi noonyana behenyukazi; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka ekumlandeleni uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekusunguleni kokuthetha *kukaNdikhoyo ngomlomo kaHosiya uNdikhoyo wathi kuye: “Hamba utshate umfazi wobuhenyu oya kukuzalela abantwana bobuhenyu, kuba abantu beli lizwe nabo bahenyuzile ngokugqithisileyo bakreqa kuNdikhoyo.”