Hosea 1:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova kuye: Mbize ngegama elingu‐Yezerele; ngokuba kuya kuba mzuzwana kodwa, ndandiya kwandula ndilohlwayele igazi lase‐Yezerele pezu kwendlu ka‐Jehu, ndipelise nobukumkani bayo indlu ka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuye, Mbize ngokuba nguYizereli; okwethutyana, ndophalaza igazi likaYizereli phezu kwendlu kaYehu ndize ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguYizereli. Kaloku sekumbovu ukuba ndiyohlwaye indlu kaYehu ngenxa yobutyadidi begazi elaphalazwa eYizereli. Ewe, ndiza kubuphelisa ubukumkani endlwini kaSirayeli.