Hosea 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wakaula, wazala intombi; wayesiti u‐Yehova kuye: Biza igama layo ngo‐Lo‐ruhama: ngokuba ndingasayi kwalekela ukuba nenceba ngakuyo indlu ka‐Sirayeli, koko ndiya kugqibela ukubasusa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingabaxoleli nokubaxolela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphinda wamitha, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane, ngokuba andiyi kuphinda ndiyenzele nceba indlu kaSirayeli; kodwa ndiya kubasusa kuphele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGomere waphinda wamitha, waza wazala intombi. UNdikhoyo wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguAkenzelwanga-nceba, kuba kaloku andiyi kuba saphinda ndiyenzele inceba indlu kaSirayeli, ndingaphindi ndiyixolele nokuyixolela.