Hosea 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kwovuka isipitipiti pakati kwabantu bako, nenqaba zako zonke ziya kuci̔takaliswa, njengokuba u‐Shalemane waci̔takalisa i‐Bete‐rabele ngemini yokulwa: unina watyunyuzwa kunye nabantwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kubakho isiphithiphithi phakathi kwabantu bakowenu, ziphangwe zonke iinqaba zakho, njengoko uSolomon wayibhulayo iBhete-arbhele, ngemini yemfazwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Anikho sisidube-dube semfazwe; zonk' iinqaba zenu zotshatyalaliswa njengoShalman mhla ngedabi, mini wavuthulula iBhetarbhele, abadlezana bagileka bawa neentsana zathi geqe phaya.