Hosea 10:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yamatole ase‐Betavene, abemi base‐Samariya boba nokwoyika; ngokuba abantu balo beya kulila ngalo, nababingeli balo a babegcoba pezu kwalo, ngenxa yobungcwalisa balo, ngokuba bumkile kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abemi baseSamariya baya kutyhwatyhwa ngenxa yamathole eenkomo aseBhete-aven, ngenxa yokuba abantu bakhona baya kuzilela ngenxa yayo nababingeleli bayo abayenzela isijwili, ngenxa yozuko lwalo, ngenxa yokuba lumkile kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbaseSamariya ke bayangcangcazela ngenxa yethole laseBhetaven. Abemi bakhona botsho ngesijwili; nababingeleli balo baya kulililela ngenxa yokutshitsha kwesidima salo.