Hosea 11:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndabar̔ola ngentambo zabantu, ngentsontelo zotando: ndandinjalo kubo njengabafunqulayo iyokwe emihlatini yabo; ndababekela ukutya, ndabadlisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabatsala ngeentsontelo zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengabo basusa idyokhwe emihlathini yabo, yaye ndabanika inyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bona ndabakhokela ndinovelwano; ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele. Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo, ndaza ndathoba ndabafunzela.