Hosea 12:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Frayime uyawudla umoya, uyaputuma umoya wasempumalanga; imihla yonke uyandisa ubuxoki nobandezelo: ewe, bayalwenza ucebano ne‐Asiriya, neoli iyasiwa e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga.Imini yonke wandisa amanga nembuqo: banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEfrayim udla umoya, ngokusukelana nolophu lwasempumalanga; Ukwandisa imihla ngemihla ukuxoka nokonakala; Bazibandakanya nama-Asiriya, kwaza kwasiwa ioli eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEfrayim walusana nomoya; usukelana nolophu lwasempuma; imini yonke wandisa ubuxoki nobubhoja. Yena unqophisana neAsiriya; nango amafutha omnquma ewasa eJiputa.