Hosea 13:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndobahlangula emandleni encw̔aba; ndobakulula ekufeni: zipina imbubiso zako, kufa? sipina isitshabalaliso sako, ncw̔aba? ukuguquka kuya kufihlwa emehlweni am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba? Ukuzohlwaya kusithele emehlweni am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubahlangula esandleni selabafileyo; Ndiya kubahlangula ekufeni; Kufa, ndiya kuba kukufa kwakho; Wena ngcwaba, ndiya kuba linxuwa kuwe; inguquko iya kusithela emehlweni am.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndomhlawulela na kwigunya lengcwaba? Ngaba ndomhlangula na ekufeni? Wena kufa, siphi isibetho sakho? Nawe ngcwaba, luphi ulwamvila lwakho? Ngenene andisayi kuba nanceba mpela!