Hosea 13:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba acu̔mileyo pakati kwabazalwana bake, kwoza noko umoya wasempumalanga, umoya kayehova, unyuka elubala; wauya kwoma umtombo wake, netende lake liya kutsha: uya kupanga imbekelo yempahla zonke ezinqwenelekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba yena uya kuba neziqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, kuya kuza ulophu lwasempumalanga, umoya kaYehova unyuka entlango, litshe ithende lakhe, wome umthombo wakhe; lowo uya kuphanga ubuncwane beempahla zonke ezinqwenelekayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba uthe wavelisa isiqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, uya kufika umoya wasempuma, umoya kaYehova unyuke uvela entlango, yaye umthombo wakhe uya koma, nequla lakhe lome; Uya kubuphanga ubuncwane bazo zonke izinto ezithandekayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Noba uEfrayim angaba nempumelelo phakathi kwezizalwane zakhe, uya kufikelwa lulophu lwasempuma, umoya kaNdikhoyo ovela entlango, utshe umthombo wakhe, amaqula akhe ome qoko. Oovimba bakhe baya kuphangwa nabo bonke ubuncwane babo buthathwe.