Hosea 13:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iya kuci̔takaliswa i‐Samariya, ngokuba ivukele ngakuye utixo wayo; baya kuwa ngesiṙele; intsana zabo zotyunyuzwa, nabafazi babo abamitileyo baya kuqangqululwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ElakwaSamari liya kuziva linetyala, kuba liphikise uThixo walo. Baya kuwa likrele, iintsana zabo zicunyuzwe, nabamithiyo babo baqangqululwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ElakwaSamari liya kusalalwa; ngokuba egwilikile kuThixo wakhe; baya kuwa ngomkhonto; iintsana zabo ziya kuchithwa-chithwa, nabamithiyo babo badliwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ISamariya yona iza kohlwaywa; kaloku bavukelene noThixo wabo. Baza kuba zizigede likrele; iintsana zophihlizwa emhlabeni, nabakhulelweyo baya kuqangqululwa.”