Hosea 13:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti mna ndi nguyehova, utixo wako, kuselokwa selizweni le‐Jipete; ngako akuyi kwazi namnye utixo kupela mna, ngokuba kungeko msindisi ngapandle kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanti mna ndinguYehova uThixo wakho, kwasezweni laseYiputa;akuyi kwazi thixo ungendim; akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ndinguYehova uThixo wakho, ngoxa nisezweni laseYiputa, yaye akuyi kwazi thixo ungendim, kuba akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho. Mna ndakukhuphulula eJiputa. AwunaThixo ngaphandle kwam, kungekho namsindisi ingendim.