Hosea 13:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndabakaulela njengebere ehlutiweyo amatole ayo, ndaṙazula isidla sentliziyo yabo; ndabadla kona njengengonyamakazi; iṙamncwa lasendle labaqwenga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndothi gaga kubo njengebhere ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazule umhlehlo wentliziyo yabo, ndibadle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndothi gaga kubo njengebhere ehluthwe amathole ayo, ndikrazule iintloko zentliziyo yabo, ndibadle khona njengengonyama; irhamncwa liya kubadla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo; ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge. Ndonidlavula njengemazi yengonyama, ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.