Hosea 14:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Asiriya ayiyi kusisindisa; asiyi kukwela emahasheni; kanjalo asiyi kubuya siti emsebenzini wezandla zetu: Ningotixo betu: ngokuba kuwe inkedama ifumana ububele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAsiriya akayi kusisindisa; asiyi kukhwela emahasheni, nomsebenzi wezandla zethu asiyi kuba sathi: Thixo wethu, ngokuba inkedama ifumana inceba kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akanakusisindisa uAsiriya; asiyi kukhwela mahashe emfazwe. Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu, kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”