Hosea 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina onobulumko, ukuba aziqonde ezi zinto? ngubanina onobutelekelelo, ukuba azazi? ngokuba indlela zikayehova zifanele; abalungileyo bohamba kuzo, kodwa abagqiti baya kuku̔beka kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova;ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? zilumkile na wena? ngokuba zibubulungisa iindlela zikaYehova, yaye amalungisa ahamba ngazo; ke bona abangendawo baya kuwela kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto; oqaphelayo uya kukwazi oku. Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo. Ke amalungisa ahamba ngazo; ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.