Hosea 2:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kumnika imiyezo yake kwa lapo, nomhlambo we‐Hakore ube lituba letemba: waeya kuvuma kona, njengasemihleni yobutsha bake, nanjengasemhleni wenyuka ngawo elizweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, aphendule khona njengeemini zobuncinane bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndomnika izidiliya zakhe, nentili yeAkore ibe lisango lethemba; yaye uya kuvuma apho njengakwimihla yobutsha bakhe nanjengemini yokunyuka kwakhe evela kwilizwe laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe, yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba. Yena uya kundamkela, azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe, mhla waphuma kwelaseJiputa.