Hosea 2:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kuyihlwayelela mna emhlabeni, ndoba nenceba ngakuye u‐Lo‐ruhama; ndandiya kuti ku‐Lo‐ami: Wena ungabantu bam; boti bona: Tixo wam!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndozihlwayelela yena elizweni, ndimenzele imfesane uAkenzelwanga-mfesane; ndithi kuAsibantubam, Ungabantu bam; aze athi kum, UnguThixo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kumtyala emhlabeni; ndiya kuba nenceba kulowo ungenzelwanga nceba; Ndiya kuthi kwabangebantu bam: Nabantu bam; bathi, UnguThixo wam wena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndozihlwayelela yena emhlabeni, ndimenzele inceba lowo bekusakuthiwa nguAkenzelwanga-nceba. Kwabo kuthiwa: ‘Asibantu bam,’ ndiya kuthi: ‘Ningabantu bam,’ bona bathi kum: ‘Wena unguThixo wethu.’ ”