Hosea 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba unina wabo enzile umbulo, owabazalayo wenzile ngento ehlazekileyo, ngokuba ebesiti: Ndolandela abatandi bam, abapayo isonka sam namanzi am, uboya bam nefelase yam, ioli yam nento zokusela zam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba unina uhenyuzile, wenze okuziintloni umzali wabo;ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi yam, ioli yam nento endiyiselayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba unina ehenyuzile; udane owabazalayo; ngokuba wathi, Ndiya kubashiya abaziintsizana, abandinika isonka sam, namanzi am, noboya begusha bam, neflakisi yam, neoli yam, nento endiyiselayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Unina usuke wahenyuza; lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi. Kaloku yena wathi: ‘Ndiya kulandelana nezithandwa zam ezindinik' ukutya namanzi, uboya nelinen, amafutha kunye nesiselo.’