Hosea 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuputuma abatandi bake, kanti akayi kufikelana nabo; wobafuna ke, kanti akayi kubafumana: uya kwandula ati: Ndoya ndibuyele kweyokuqala indoda yam, ngokuba bekulungile kum oko ngapezu kwakaloku,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani: athi Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala, kuba bekulungile kum oko kunangoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kubasukela abo bamthandayo, kodwa abayi kubafumana; uya kuzifuna, angazifumani; athi, Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala; ngokuba oko bekulungile kum kunangoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wosukelana nezithandwa zakhe, phofu angaze azifumane. Uya kuba ngafuna-funa ibe yinqaba ukuzifumana, ade asuke athi: ‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala; kwakubhetele ngoko kunangoku.’