Hosea 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebengazi ukuba ndim owampayo inqolowa, neveyine entsha, neoli; nokuba ndamandisela isilivere negolide, ekungazo benza o‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akazi ukuba ndim owamnikayo ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba wayengazi ukuba ndim owayemnike ingqolowa, iwayini neoli nokuba ndim owandisa isilivere negolide awayilungiselela uBhahali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku yena akaqondi ukuba yayindim omnikayo ingqolowa newayini namafutha, ndimvava ngesiliva negolide, waza wanqula *uBhali ngayo.