Hosea 3:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAYESITI kum uyehova: Buya uye utande umfazi otandiweyo ngumhlobo, noko aliṙexezakazi, njengokuba uyehova etanda usapo luka‐Sirayeli, nangona lubeke kotixo bambi, lwatanda izonkana zedreyive.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kum, Phinda, uye uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza; njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi nje, bethanda izicumba zeerasintyisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum, Uze umthande umfazi olihenyukazi, ngenxa yokuba uYehova ebathanda oonyana bakaSirayeli, abathe babheka thixweni bambi, abathanda iindebe zewayini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kum: “Phinda umthande umfazi wakho nangona engumkrexezikazi othandana nandoda yimbi, kuba nam ndisamthanda uSirayeli nakubeni ngoku selethabathekile ngabanye oothixo, ethanda amaqebengwana anerasentyisi.”