Hosea 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kamva lwobuya usapo luka‐Sirayeli, lufune uyehova, utixo walo, no‐Davide, ukumkani walo; lwaluya kuza ngokungcangcazela kuyehova nakuko ukulunga kwake, emihleni yokupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; yaye ngokuqinisekileyo baya kumoyika uYehova nobubele bakhe bothando ekupheleni kwexesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kamva ke amaSirayeli aya kubuya amfune uNdikhoyo uThixo wawo, nokumkani wawo uDavide. Ngemihla yokugqibela aya kuza kuNdikhoyo ngoloyiko, efuna iintsikelelo zakhe.