Hosea 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba beya kutya, kanti abayi kuhlutiswa; bowenza umbulo, kanti abayi kwanda; ngenxa yokuba bayekile ukumbeka uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba baya kudla, bangahluthi; baya kukrexeza, bangandi, ngokuba bayekile ukumphulaphula uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Boba ngatya, banganeli noko; boba ngahenyuza, bangandi kodwa; kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,