Hosea 4:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bayabingelela pezu kwentloko zentaba, napezu kwenduli bayaqu̔misa; ngapantsi kweyeke, nelibene, neterebinte, ngokuba umtunzi wazo umnandi: ngako oko intombi zenu ziyawenza umbulo, nomolokazana benu bayaṙexeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini, phantsi kwemioki, nemipopulari, namasundu, kuba ulungile umthunzi wayo; ke ngoko, iintombi zenu ziyakrexeza, namadoda enu ayakrexeza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Benz' amadini kwiincopho zeentaba, baqhumisele ezindulini, phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte, apho kukho imithunzi epholileyo. Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze; basuke oomolokazana bakrexeze.