Hosea 4:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andiyi kwohlwaya intombi zenu zakuwenza umbulo, nomolokazana benu bakuṙexeza; ngokuba kwa bona bepambukelana nabapinyiswa, bebingelelana nengnawokazi: kodwa abantu abangaqiqiyo baya kuwiswa pantsi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza;noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza, nabalingane benu bekrexeza; ngokuba bewaqhawule umtshato namahenyukazi, babingelela namahenyukazi; ngenxa yoko abantu abangaqondiyo baya kukhubeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Andiyi kuzohlwaya iintombi zenu, nakuba zingenwa luhenyuzo nje, ngokunjalo noomolokazana benu, noba bangade bakrexeza, kuba namadoda ngokwawo ayahenyuza, enza iminikelo kunye namahenyukazi asezindlwini zonqulo-zithixo. Awu, bantundini bangaqondiyo, anikho yintshabalalo!”