Hosea 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ilizwe liya kulila, nabo bonke abemiyo kulo bocubuka kunye nezilo zasendle, nakunye nentaka zezulu; zaziya kususwa nentlanzi zolwandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko ihlabathi liya kukhala, zikhwankqise zonke izinto ezimi kulo, kwanamarhamncwa elizwe, neentaka zezulu; ewe, kwaneentlanzi zolwandle ziya kususwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu, nabo bonke abemi balo bayankolonkoza, ngokunjalo oozilwanyana noozintaka; nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”