Hosea 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abantu bam bayabujiswa ngokuswela ukwazi: ngokuba wena ulahlile ukwazi, nam ndiya kulahla wena, uze ungabi ngumperisite kum; ulibele umteto wotixo wako nje, nam ndolibala abantwana bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho;ndobalibala abantwana bakho nam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayatshabalala abantu bam ngokungazi; ngokuba ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa nam, ukuba ungabi ngumbingeleli kum; Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abantu bam bayatshabalala ngenxa yokuswela ulwazi ngam. “Kaloku uyalubukula ulwazi ngam; nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam. Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho; andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.