Hosea 5:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Frayime wabona isifo sake, no‐Juda inxeba lake; wandula waya u‐Frayime e‐Asiriya; watuma kuye ukumkani opikayo; kodwa yena wakohlwa ukunipilisa, akanipolisela inxeba lenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; Akaba nako ukukuphilisa, nokuphilisa inxeba lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEfrayim wasibona isifo sakhe, noJuda wazibona iinduma zakhe. Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya, wazibika apho kukumkani uYarebhi; kodwa yena nkqi ukunyanga, soze aziphozise ezo nduma.