Hosea 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kuba njengengonyama ku‐Frayime, nanjengengonyama entsha kwindlu ka‐Juda; mna, mna ndiya kuqwenga, ndimke ke; ndosusa, kungeko oya kuhlangula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndiya kuba njengengonyama kuEfrayim, nanjengengonyama kwindlu kaYuda; nam ndiya kuziqwenga; ndiya kumthabatha, kungabikho umsindisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kuEfrayim ndoba njengengonyama; ewe, ndibe lirhamncwa kwindlu kaJuda. Ndobaqwenga-qwenga ndibashiye, ndibafuduse bangahlangulwa bani;