Hosea 5:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ababekisi izenzo zabo ukuba babuyele kutixo wabo; ngokuba umoya wemibulo upakati kwabo, noyehova abamazanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kuziqinisa izenzo zabo ukuze babuyele kuThixo wabo, ngenxa yokuba umoya wobuhenyu uphakathi kwabo, yaye abazange bamazi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Izenzo zabo zisuke zaxaba, zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo. Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo; abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!