Hosea 5:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Benzile ngobuxoki ngakuye uyehova; ngokuba bezele abantwana basemzini: kaloku inyanga nye yodla bona nezabiwo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benza ubumenemene kuYehova, ngenxa yokuba bazala oonyana basemzini; yandule ke inyanga ibadle kunye nesabelo sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo; ewe, bade bazale nemigqakhwe. Ke amatheko abo okuthwasa kwenyanga obaqwenga kunye namasimi abo.