Hosea 6:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NDIYA kwenza nto nina kuwe, Frayime! ndiya kwenza nto nina kuwe, Juda! ngokuba ukulunga kwenu kunjengelifu lomso, nanjengombete omkayo kusasa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kwenza ntoni na kuwe, Efrayim? Ndiya kwenza ntoni na ngawe, Yuda? Ngokuba ukulunga kwakho kunjengelifu lokusa, elidlula njengombethe wokusa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mandikuthini na kodwa, Efrayim? Mandenze ntoni na ngawe, Juda? Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa, nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.