Hosea 6:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengamaqela amabada elalela umntu, injalo intlanganiso yabaperisite; bayabulala endleleni eya e‐Shekeme; ewe, ubutshinitshini babenzile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benze amanyala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko lilalela umntu ngamatutu, liya kwandula ke libulale iqela lababingeleli endleleni, ngokuba belihlazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengezihange ezilalel' umntu nababingeleli sisigqubu esikwanjalo, nasendleleni eya eShekem kulapho bagwinta khona. Ewe, benza izinto ezimanyumnyezi.