Hosea 7:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa bayayo, ndolwaneka pezu kwabo utambo lwam; ndobahlisa njengentaka zezulu; ndobabeta, njengokuba kuviwe entlanganisweni yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndothi, bakubon ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuhambeni kwabo ndiya kubabetha; ndiya kubahlisa njengeentaka zezulu; ndiya kubohlwaya ngokwentlanganiso yabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndobabekela umgibe endleleni, ndibanqakule njengeentaka. Xa ndibeva bexhontelana ndobabambisa.