Hosea 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Imibingo yeminikelo yam, bayabinga inyama, bayidle; kodwa uyehova akayibuki: kwa kaloku uya kukumbula ukukohlakala kwabo, ohlwayele izono zabo: bobuyela e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke ayakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babingelela inyama, badla; ke uYehova akakholiswa ngabo; ngoku niya kubukhumbula ububi babo, nizohlwaye ngenxa yezono zabo; baya kubuyela eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, bona amadini bayandenzela; inyama yona bajika bayitye. *UNdikhoyo ke akanelisekanga ngabo, engabulibalanga nobugwenxa babo. Ewe, yena uza kubohlwaya; baza kuphindela kwaseJiputa.