Hosea 8:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Sirayeli emlibele umenzi wake, wazaka itempile; no‐Juda uzandisile izixeko ezinqatyisiweyo: kodwa ndiya kutuma umlilo pezu kwezixeko zake, oya kuzidla izindlukazi zazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha amabhotwe;uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha iitempile; noYuda uzandisile izixeko ezinqatyisiweyo, kodwa mna ndiya kuphosa umlilo kwizixeko zakhe, kwaye ngokuqinisekileyo uya kuzitshisa iinqaba zakhe ezinde.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USirayeli umlibele umenzi wakhe, suka wazakhela amabhotwe. UJuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo – zixeko ezo ndozithumela ngomlilo, ulenye konke, nditsho nezo nqaba.”